
u-Nyuks Automatic
Uphum' Ecaweni Waya
kwiDisco
ngaseRustenburg kwiphondo iNorth West . Wazibonakalisa ngokucula ithutyana noDavid Simelane emva koko wacula noPeta Teanet ngaphambi kokuba azibandakanye nephulo iMob Force noDavid Simelane nalapho bavelise khona iingoma eziphambili nezimnandi zeDisco , ezisashukumisa amaqonga okudanisa nangoku.
Kwenzekile ukuba uNyuks Automatic " ekunye naprodyusa naye uSpencer Mokoena bafumane igold kunye neplatinum disc .








uNyuks Automatic" ogama lakhe lokwenene linguEmmanuel Diale ungomnye weemvumi eziphambili eziziiprodyusa nabadlali bekeyboard


uNyuks Automatic"
 ongumntwana womfundisi uqale
ukucula kwicawa yedolophu
azalelwe kuyo eTweelage
Kukho icwecwe le- "MOB CITY elineengoma zokudanisa elithengise ngaphezu kwama-100 000; i- "MOB JIVE party " ithengise ngaphezu kwama-200 000 yaza i-"ZAMALEK"  yathengisa ngaphezu kwama-75 000 ee-unit , kwaye nangoku isathengwa okwamagwinya ashushu.
Wenze iremix yezi ngoma zingentla kwaye nangoku zisamkeleka ngokuncumisayo kubathandi bomculo.
uNyuks Automatic" usebenzisene kamnandi nePVP , iTaboo , iMob Force , uDavid Simelane, uNtsiki Vava, uVernon , iMob Shock party , iMob Masters , iMob Club Masters , iDouble M Double Action , iMPB Street Bash kunye noSox - bonke bafumene igold neplatinum .





Thumela amangenelo kwa:
BONA- MOB JIVE PARTY
COMPETITION ,
BOX 15509,
DOORNFONTEIN 2028.

Amangenelo makabe afikile kuthi phambi komhla wama - 25 kuOktobha , 1996.

IMIBUZO
1. Ngubani igama lokwenene likaNyuks Automatic "?


2. Liliphi icwecwe elithengwe kakhulu?














36 BONA XHOSA - OCTOBER 1996

U-Abdul Maalik ongumzobi nomqingqi wemifanekiso waseSoweto, wathi akuqonda uloyiko neenkolelo zabantu wagqiba ekubeni akhe ibhokisi yomngcwabo enomfanekiso oqingqiweyo "wesidumbu" ngaphakathi ukuze agxothe abantu abasoloko befuna ukwazi izinto. Kodwa abamelwane bakhe abayiginyi into yokuba nebhokisi yomngcwabo kwakhe.

kubalisa uWillie BOKALA
kufote uLUCKY NXUMALO


 NABANI na obesithi ehlabathini kukho iindidi ngeendidi zabantu, ufanele ukuba wazi umqingqi wemifanekiso nomzobi wezalathiso. Omnye wabazobi nabaqingqi bemifanekiso abanesiphiwo baseSoweto, uAbdul Maalik , uzenzele umkhumbi -onomfanekiso
Oqingqiweyo wesidumbu ngaphakathi. Abamelwane                                                                                   bakhe bathe ezindabeni zikamabonakude bakubona oku kusisenzo sonqulo lukaSathana, kwaye abantu aboyikayo abagqitha ngakowabo bathi isiphiwo sakhe simphambanisile, kodwa abantu abasondeleyo kuMaalik bathi ulichule elinesiphiwo.
U-Maalik
ungomnye wabazobi
bemifanekiso nezalathiso abathandwayo
eSoweto. Uzobe imifanekiso emihle gqitha ezindongeni zezakhiwo kwiilokishi zaseKlipspruit , ePimville naseDube, kanti nguye nozobe iofisi engapbambili yeSoweto Community Radio nemifanekiso yezalathiso kwishishini likaKenny Sepai lakwaBrick n Tile eliseOld Potchefstroom Road ePimville .
Umphathi weenkqubo weSoweto Community Radio , uDennis Madondo, uthi alikho ichule elifana naye. "Uyambona ukuba ulichule elinesiphiwo esingathethekiyo xa ujonga iindonga zezakhiwo zethu".
Bubuchule bakhe obenza afunwe ngapha nangapha ukuba ayopeyinta izinto ngezinto, kanti nabaxumi bakhe ufika belukrozo befuna ukuba ayozoba izalathiso ezindongeni zemizi yabo, ezivenkileni naseziteksini .
Kukuhlala nomkhumbi endlwini yakhe okwen.ze abantu baneenkolelo noloyiko.
"Zininzi izinto
endikhe ndazenza ngaphambili. Ndiqingqe ubuso babantu kwiziqu zemithi eseziyadini zemizi, ndizobe izalathiso ematyeni aseziyadini zemizi nakwiikona zezitrato . Ndigqibe ekubeni ndenze okwahlukileyo ndaza ndenza lo mkhumbi

U-Abdul Maalik ecaleni . komnye wemifanekiso awuqingqa ngomthi eyadini yommelwane wakhe.

Izalamane uNtombizodwa Skhosana, uNcanyiwe Mebalo. uAnti Skhosana noAbdul Maalik bakroba umkhumbi ongundaba-mlonyeni elokhishini .
U-Abdul Maalik nezalamane zakhe, uNtombizodwa Skhosana, uNcanyiwe Mebalo noAntie Skhosana beme
phambi kodonga aluzobileyo phambi kwakowabo.


Umzobi WaseSoweto
Onomkhumbi
"Nesidumbu"
Kwigumbi Lakhe
Lokulala...







Indoda engumzobi nomqigqi wefanekiso engaqhelekanga, uAbdul 




- OCTOBER 1996 37
















Imisebenzi kaAbdul Maalik iquka ukupeyinta iindonga, njengolwevenkile
ekufutshane nakowabo.
ngoku abantu
abayithandi"
Ngaphandle
komkhumbi, igumbi
elingaphambili likaMaalik linomfanekiso oqingqiweyo wobuso bomntu ekoneni , neminye imifanekiso eqingqiweyo nemizobo ekwikhabhathi yakhe. Isiqu somthi ongaphandle sinomfanekiso oqingqiweyo wenkokeli yamaBhulu eyafa kudala, kanti udonga lweevenkile ezingaphambili kwakowabo uluzobe imizobo yakhe ebuntwanarha
UMaalik ohlala noodadewabo ababini kowabo akaboni mnqa ekwakheni kwakhe umkhumbi. Yena uyibona ingumsebenzi wobuchule bakhe, kodwa inokusebenza ukugxotha abantu abasoloko befuna ukukroba namasela.
UMaalik uthi akazange azalwe ekuthanda ukuzoba nokuqingqa imifanekiso. Waqala ukuqonda isiphiwo sakhe kumabanga aphakathi wakhuthazwa nanguyise owayekwangumzobi nomthungi wezihlangu. UMaalik owafunda ubugcisa eFunda Centre , uyayiqingqa nemifanekiso yabantu xa bemcelile. 
